Exodus 33:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Mosesi kuyehova: Uya bona ke, uti wena kum: Nyusa ababantu! kanti akundazisanga oyena uya kumtuma nam; nangona ubusiti: Ndiyakwazi wena ngegama; nakanjalo: Ufumene ufefe emehlweni am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, uthi kum, Nyusa aba bantu;ke wena akundazisanga lowo uya kundithuma naye; kanti ke uthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabale.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, uthe kum, Bashiye aba bantu; Ke wena wathi, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wathetha *noNdikhoyo, wathi: “Kaloku undiyalele ukuba ndikhokele aba bantu, ndibase kwelo lizwe, kodwa akutshongo ukuba kolu hambo ndokhatshwa ngubani na. Ewe, utshilo nokuthi: ‘Ndikwazi ngokupheleleyo; kwaye futhi ndikholisekile nguwe.’