Exodus 33:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, ukuba ke ndifumene ufefe emehlweni ako, zundazise indlela yako, ukuba ndikwazi wena, ndize ndifumane ufefe emehlweni ako; kanjalo gqala ukuba singabantu bako esisizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ukuba undibabale, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, ndíndazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, nokuze ndibone inceba emehlweni akho; uqonde ukuba olu hlanga luhlanga lwaKho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke, xa kunjalo, ndazise intando yakho, ukuze ndikwazi, ndihlale ndikholisekile kuwe. Kwakhona khumbula ukuba olu hlanga ngabantu bakho ncakasana.”