Exodus 33:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kuya kwaziwa nganto nina kaloku, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, mna nabantu bako? asi ngako na ukuhamba kwako nati? kukona siya kwahlulwa, kwa mna nabantu bako, kubo bonke abantu abapezu kwobuso bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuthi na uhambe nathi, sibaluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kwaziwa ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuba uhamba nathi na? sahlulwe ke mna nabantu bakho kuzo zonke iintlanga zehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.”