Exodus 33:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Ndiya kudlulisa konke ukulunga kwam pambi kwako, ndishumayele negama likayehova ebusweni bako; ndandiya kumpata ngofefe lowo endiya kumpata ngofefe, ndoba netaṙu napezu kwalowo endiya kuba netaṙu ngakuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam phambi kwakho, ndilibize igama likaYehova phambi kwakho; ndibe nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe nenceba kosukuba ndinenceba kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi: “Ndiza kukubonisa isidima sam njengoko sinjalo, futhi ndilikhankanye igama lam ezindlebeni zakho, mna Ndikhoyo. Kaloku ndiya kuba nenceba kwabo ndinenceba kubo, ndibe novelwano kwabo ndinovelwano kubo.