Exodus 33:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova ebete ku‐Mosesi: Yiti elusatsheni luka‐Sirayeli: Nina ningabantu abantamo ilukuni; ngepanyazo linye bendinganyukelayo pakati kwako, ndikugqibele; kodwa kaloku, zitule izihombo zako kwa kuwe, ndize ndazi ke ukuba ndiya kukwenzela nto nina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingathi, ndinyuke phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Niluhlanga oluntamo-lukhuni; yazi into omawuyenze kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uNdikhoyo wayethe kuMosis: “Xelela amaSirayeli: ‘Niluhlanga oluneenkani, ngoko ke andizukuhamba nani, kuba xa bendinokuhamba nani nomzuzwana lo, bendiya kusuka ndinitshabalalise. Zikhululeni iintsimbi zesihombiso; ndisaza kuyibona into endiza kunenza yona.’ ”