Exodus 33:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Mosesi watabata intente, wazolulela yona ngapandle kwomnquba, kwa kude nomnquba, wayibiza ngokuti yintente yentlangano. Kwaza kwati, bonke ababefuna uyehova bapuma baya ententeni yentlangano, ebingapandle kwomnquba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawuthabatha uMoses umnquba, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Yaye wonk’ ubani owayefuna uYehova waphuma waya kwintente yokuhlangana eyayingaphandle kwekhusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo.