Exodus 33:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, Xeshekweni u‐Mosesi wapumayo ukuya ententeni, besuka bonke abantu, bema abanye ngabanye eminyango yentente zabo, bakangela ngaku‐Mosesi wada wangena ententeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuphumeni kukaMoses esiya ententeni leyo, lema lonke ibandla, wema walowo emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada wangena ententeni leyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayesithi uMosis xa esiya ententeni yokuhlangana amaSirayeli wona eme emnyango ezintenteni zawo, ambukele ade aye kungena.