Exodus 34:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Bona ke, sendilwenza ucebano: pambi kwabo bonke abantu bako ndoyenza imimangaliso, ekungazanga kudalwe enjalo kuwo wonke umhlaba, nakuzo zonke izizwe; boti bonke abantu opakati kwabo babone umsebenzi kayehova; ngokuba iyinto eyoyikekayo leyo endiya kuyenza kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Yabona, ndenza umnqophiso; ndiya kwenza imisebenzi ebalulekileyo, engazanga idalwe ehlabathini lonke nasezintlangeni zonke, phambi kwabantu bonke bakowenu; bonke abantu ophakathi kwabo wena bowubona umsebenzi kaYehova;ngokuba yinto eyoyikekayo eniya kuyenza kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Yabona, ndenza umnqophiso: ndiya kwenza imiqondiso, engazanga idalwe ehlabathini lonke, nasezintlangeni zonke, emehlweni abantu bonke bakho; ziwenze umsebenzi kaYehova zonke iintlanga onazo, ngokuba yinto eyoyikekayo endiya kuyenza kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ngoku ke ndenza umnqophiso nani. Ndiya kwenza imimangaliso engazange yenziwe ehlabathini liphela, ngokunjalo nakwizizwe zalo. Kaloku mna Ndikhoyo ndiza kwenza into erhwaqelisayo phakathi kwenu.