Exodus 34:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa izibulo leqwaṙashe uya kukulula lona ngexwana; ukuba kanti akuyi kulikulula, uze ulapule intamo. Bonke abangamazibulo onyana bako uya kubakulula. Mabangabonakali pambi kwam bengenanto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke lona izibulo le-esile wolikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizibulo le-esile ulikhulule ngokulimisela ngexhwane; ukuba uthe akwamkhulula, wophule intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; Kwaye akukho mntu uya kuvela phambi kwam elambatha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke lona iduna lamazibulo ledonki nolihlawulela ngedini letakane. Kungenjalo ke niya kulaphula ilungu lentamo. Wonke unyana wamazibulo makahlawulelwe. “Akukho mntu makeze kum engaphathanga mnikelo.