Exodus 34:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kugqogqa intlanga pambi kwako, ndiyenze banzi nemida yako: kanjako aliyi kunqwenelwa mntu ilizwe lako, nxa unyukayo ukuya kubonakala ebusweni bukayehova, utixo wako, amaxesha matatu emnyakeni mnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, linganqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi ilizwe lakho; yaye akukho bani uya kulinqwenela ilizwe lakho ekunyukeni kwakho usiya kubonakala phambi koYehova uThixo wakho kathathu ngonyaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuzigxotha izizwe phambi kwenu, itsho inabe imida yenu, kungabikho namntu uya kuzama ukulihlutha elo lizwe kuni xa nisiya kundinqula mna Ndikhoyo Thixo wenu ngazo zozithathu ezi zihlandlo enyakeni.