Exodus 34:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti akuyi kunyuka mntu nawe; kanjalo makungabonwa mntu kuyo yonke intaba; kwa negusha nenkomo mazingadli pambi kwentaba leyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuze kunganyuki mntu nawe, kuze kungabonwa mntu kuyo yonke intaba, kuze kungadli mpahla imfutshane nankomo, isingise entabeni leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makunganyuki mntu nawe, kuze kungabonwa mntu kuyo yonke intaba; Iigusha neenkomo aziyi kudla kufuphi naloo ntaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makungabikho mntu uhamba nawe okanye usondelayo nakuliphi na icala lentaba; nditsho kwaiigusha neenkomo mazingasondeli entabeni.”