Exodus 34:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati: Ukuba kaloku ndifumene ufefe emehlweni ako, Nkosi! maize ihambe inkosi pakati kwetu; nakuba bengabantu abantamo ilukuni aba; uze uxolele inkohlakalo yetu nesono setu, usamkele tina sibe lilifa lako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ukuba undibabale, Nkosi yam, mayihambe phakathi kwethu iNkosi yam; kuba bengabantu abantamo ilukhuni. Xolela ubugwenxa bethu nesono sethu, usenze ilifa lakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ukuba ndibona inceba emehlweni akho, Yehova, mayingene phakathi kwethu iNkosi yam; ngokuba beluhlanga oluyinjubaqa; usixolele ubugwenxa bethu nezono zethu, usenze ilifa lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wambongoza wathi: “Ukuba ngenene ukholisekile ndim, Mhlekazi, sikhaphe. Nakuba siluhlanga oluneenkani nje, buxolele ubugwenxa nesono sethu, samkele sibe lilifa lakho.”