Exodus 35:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besiza bonke ngabanye abantliziyo ibavusileyo, nabo bonke abamoya wabaqu̔bayo, bazisa umnikelo kayehova ngenxa yomsebenzi wentente yentlangano, nangenxa yenkonzo yayo, nangenxa yezivato ezingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke beza, ngamnye kubo ngokuqhutywa yintliziyo nalowo unqwenelwayo ngumphefumlo wakhe waza wazisa umbingelelo kaYehova womsebenzi wentente yokuhlangana nowomsebenzi wayo wonke wezambatho ezingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza uwonke-wonke kulo owayeziva elangazelela ukunikela *kuNdikhoyo khon' ukuze kwakhiwe *isibingelelo, weza ephethe umnikelo. Beza nayo yonke into eyayiyimfuneko kwezonqulo nasekwenzeni izivatho zababingeleli.