Exodus 35:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besiza, kwa amadoda nabafazi, bonke abanentliziyo evumayo, bazisa izacolo, namacici, nemisesane, nezidanga, zizinto zegolide zonke; nabo bonke abanikela umnikelo wegolide kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza, amadoda nabafazi, bonke ababathanda, bezisa iitafile, nezihlalo, neetafile, neempahla zonke zegolide; nabo bonke abazisa umrhumo wegolide kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda nabafazi ababeziva belangazelela ukunikela beza nezipeliti zokuhombisa, amacici, imisesane, amaso, nazo zonke iintlobo-ntlobo zobunewu-newu begolide, bazenza umnikelo owodwa kuNdikhoyo.