Exodus 35:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke abanikela umnikelo wesilivere nowexina, bawuzisa umnikelo kayehova; nabo bonke bekufunyanwa kubo imiti yeshitime, ngenxa yomnye umsebenzi wenkonzo, bayizisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke abafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abasondeza umsondezo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kuYehova; yaye wonk’ ubani owayefunyenwe kuye iinkuni zomsebenzi wawo nawuphi na umsebenzi wenkonzo wazizisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke nabathanda ukunikela ngesiliva okanye ubhedu benjenjalo. Abanye banikela ngomngampunzi, khon' ukuze usetyenziswe nakuwuphi na umsebenzi.