Exodus 35:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwazisa lonke usapo luka‐Sirayeli umnikelo wesisa kuyehova, onke amadoda nabo bonke abafazi, abantliziyo ibaqu̔bayo ukuzisela yonke imisebenzi, abeyalele uyehova ukuba yenziwe ngesandla sika‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubayo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaSirayeli bazisa umbingelelo wokuqhutywa yintliziyo kuYehova; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo yabaqhubayo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Onke amaSirayeli awayeziva enolangazelelo ezisa iminikelo kuNdikhoyo, khon' ukuze kufezekiswe umsebenzi owawuyalelwe uMosis.