Exodus 36:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
BAZA basebenza u‐Betsalele no‐Aholiyabi, nawo onke amadoda anentliziyo elumkileyo, abete uyehova wanika ubulumko nengqondo kuwo, ukuba akwazi ukwenza yonke imisebenzi yenkonzo yeyingcwele indawo, njengako konke uyehova abeyalele kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ooBhetetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awathi uYehova wabanikela ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukuwenza wonke umsebenzi wenkonzo yengcwele, njengoko wawisa umthetho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.”