Exodus 36:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Mosesi ebebizile u‐Betsalele no‐Aholiyabi, nawo onke amadoda anentliziyo elumkileyo, abebekile uyehova ubulumko ezintliziyweni zawo, kwa bonke abantliziyo yabavusayo ukusondela emsebenzini, ukuza kuwenza:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses wabiza ooBhetsayeli noAholiyabhi namadoda onke alumkileyo, awamnikayo uYehova ubulumko entliziyweni yakhe, onke antliziyo yabavuselelayo, ukuba bangene emsebenzini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uMosis wathetha noBhezaleli noHoliyabhi, nabo bonke abaphiwe ubugcisa nababelangazelela ukunceda, wathi mabaqalise ukusebenza.