Exodus 36:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abawamkela ku‐Mosesi wonke umnikelo, usapo luka‐Sirayeli beluwuzisile ngenxa yomsebenzi wenkonzo yeyingcwele indawo, ukuba wenziwe. Koko babesazisa kuye iminikelo yesisa ngemiso ngemiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imibingelelo, ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele. Yaye baqhubeka bemzisela iminikelo yesisa ntsasa nganye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke.