Exodus 36:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
atsho ku‐Mosesi, esiti: Abantu bayazisa ngokuninzi pezu kwokuyaneleyo inkonzo yomsebenzi, lo wo uyehova ayalele ngawo ukuba wenziwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathetha ke kuMoses, bathi: “Abantu bazisa ngaphezu kokwaneleyo emsebenzini womsebenzi awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
aya kuMosis, athi: “Lo mnikelo bawuzisayo aba bantu ngoku mninzi ngaphezu kwemfuneko yomsebenzi esiwuyalelwe *nguNdikhoyo.”