Exodus 36:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waxela u‐Mosesi, ukuba makudluliswe ilizwi emnqubeni, lisiti: Indoda nomfazi mabangabi sawenza umsebenzi ngenxa yomnikelo weyingcwele indawo! Kwa njalo abantu bayeka ukuzisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawisa umthetho uMoses, kwavakaliswa eminqubeni yonke, kwathiwa, Makungabi sabakho ndoda, nankazana, benza msebenzi wumbi wombingelelo wengcwele. Ngoko abantu bavinjelwe ukuzisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke uMosis wakhupha umyalelo, kwaza kwavakaliswa kumzi wonke kwathiwa: “Makungabikho bani, nokuba yindoda okanye obhinqileyo, ozisa omnye umnikelo esibingelelweni.” Ngoko ke abantu banqumama ekunikeleni.