Exodus 37:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwako indetyana ezintatu, zifanisiwe nezamonde, kwenye imbaxa, kwa n esikandana nentyatyambo; nendetyana ezintatu, zifanisiwe nezamonde, nakwenye imbaxa, kwa n esikandana nentyatyambo; kwakunjalo kuzo zonke imbaxa ezipuma ekandelareni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile esandleni esinye, zineentyantyambo nentyantyambo; neentyantyambo zontathu, ezifana neentyantyambo zeamangile, zaba ngasandla sinye, nesiqu, nentyantyambo; ngoko ngezandla ezintandathu kwisiphatho sesibane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La masebe mathandathu aphuma esiqwini sesibane wawahombisa ngeentyatyambo zealmondi, nangemidumba, nangamagqabi eentyatyambo.