Exodus 37:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo wasenza isibingelo sokuqumisa ngemiti yeshitime: sasiyikubite nye ubude baso, nekubite nye ububanzi baso; sanamacala mane; nobupakamo baso sasizikubite mbini; zibe zipuma kwa kuso impondo zaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi; ubude bayo buyikubhite enye, ububanzi bayo buyikubhite enye; ayemacala amane alinganayo; ukuphakama kwaso kwaba ziikubhite ezimbini; iimpondo zaso zaziyinto-nye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhezaleli wathatha umngampunzi, wenza iqonga lesiqhumiso. Amacala alo wawenza alingana, aziisentimitha ezingamashumi mane nantlanu, zangamashumi alithoba ukuphakama. Iimpondo zalo zazintwinye nalo.