Exodus 38:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wasenza isibingelo samadini okutshiswa ngemiti yeshitime: sasizikubite ezintlanu ubude baso, nekubite ezintlanu ububanzi baso; sanamacala mane; nobupakamo baso sasizikubite ezintatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasenza nesibingelelo sedini elinyukayo ngomngampunzi:ubude baso baba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso baba ziikubhite ezintlanu, sambombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezintathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza nesibingelelo sedini elinyukayo ngomngampunzi; ayemacala amane alinganayo; ukuphakama kwawo kuziikubhite ezintathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uBhezaleli wenza iqonga lamadini ngomngampunzi. Lalilingana macala, liziimitha ezimbini namashumi amabini eesentimitha ubude nobubanzi; ukuphakama kuyimitha enye namashumi amathathu eesentimitha.