Exodus 38:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ibeka ngenxa yentloko ngentloko, oko kukuti, isiqingata seshekele, engangayo ishekele yeyingcwele indawo, ngenxa yabo bonke abagqitela kwababalweyo, bengabaminyaka ingamashumi mabini nabapezulu ubudala babo, ngenxa yabangamawaka angamakulu matandatu enamawaka matatu, anamakulu mahlanu enamashumi akwa mahlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaba yibheka ngentloko yomntu (isiqingatha seshekele leyo, ngokweshekele yengcwele), kubo bonke abagqithelayo kwabo babalwayo; bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, nangaphezulu, kubo abangamawaka angamakhulu omathandathu anamawaka amathathu, anamakhulu amahlanu anamanci mahlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nomnika isiqingatha seshekele elowo umntu, ngokweshekele yengcwele, kubo bonke ababalwayo, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, babe ngamakhulu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu, anamanci mahlanu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le mali ke ngumrhumo owakhutshwa ngabo bonke abantu ababalwayo, bekhupha ngokomlinganiselo omisiweyo. Inani lamadoda abalwayo angaphezu kwamashumi amabini ubudala ayengamakhulu mathandathu nantathu amawaka, makhulu mahlanu, mashumi omahlanu.