Exodus 39:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye benxibelela imbeka ngemisesane yayo kwa kuyo imisesane yeyefodi ngosinga lwezuluṙa, ukuba ibe pezulu kwawo umbinqo ocikiziweyo weyefodi, nokuba imbeka ingashenxeki kuyo iyefodi; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawubopha unkontsho olo elunkontshweni ngomsonto obomvu oqaqambileyo, esinga phezu komtya wasentloko, ukuze ungahlukani nonkontsho; njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanye ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis amakhonkco esikhuselo-sifuba bawadibanisa namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ngohlobo lokuba isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.