Exodus 39:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wawukangela wonke umsebenzi, kekaloku bona ke, beluwenzile njengokuba uyehova ebeyalele; kwa ngokunjalo ke beluwenzile: wandula u‐Mosesi walutamsanqelisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawukhangela uMoses wonke umsebenzi, nango ke bewenzile;njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako, bawenjenjalo.Wabasikelela ke uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawukhangela uMoses wonke umsebenzi, wabona ukuba bayawenza; njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako, bawenza; wabasikelela uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wawuhlola loo msebenzi, wafumanisa ukuba ngenene yonke into bayenze ngokomyalelo kaNdikhoyo. Ngoko ke wasuka wabathamsanqela.