Exodus 39:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Balungisa namatye eshohame evingcelwe ezingingqini zegolide, eqingqelwe njeng eziqingqwa zaso isincamatiselo, enamagama onyana baka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benza amatye ebherilo, abhijelwe ngomluko wegolide, akrolwa ngokukrolwa kwemisesane yokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benza amatye ebherilo, atywinwa ngamaqhekeza egolide, akrolwa ngokwamatywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathatha amatye ekarneli, bawalungisa bawafakela izipeliti zegolide. Kula matye ke kwakukrolwe ngobugcisa obukhulu amagama oonyana bakaYakobi abalishumi elinambini.