Exodus 4:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Mosesi kuyehova: Ke, Nkosi! andinguye oliciko, kwa nexesha lapambili, nakuseloko utetileyo nesicaka sako; ngokuba ndingomlomo unzima, nolulwimi lukwa nzima.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Ke mna ndilulwimi olugudileyo, ndilulwimi olugudileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uMosis waphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi, Mhlekazi, kaloku andizange ndibe liciko ekuthetheni; ibe ke nangoku okoko wathethayo nam, andikwazi ukuthetha; ndilithintitha.”