Exodus 4:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakuye u‐Mosesi, wati: u‐Arone um‐Levi asi nguye umkuluwe wako na? Ndiyazi ukuba uyacikoza ukuteta yena. Kananjalo, bona ke, seleya kupuma ukuza kukukaulela; ati akukubona, avuye intliziyo yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela;wokubona, avuye entliziyweni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba uyakwazi ukuthetha kakuhle. Uyabona, uyeza kukukhawulela, kwaye xa ubona, uya kuvuya entliziyweni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wacaphuka nguMosis, wathi: “Andithi kanene unomkhuluwa onguAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha; nangoku nanko esiza kukuhlangabeza; futhi uya kuvuya gqitha akukubona.