Exodus 4:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye yena eya kukutetela ebantwini; kuze kuti ke, abe yena enjengomlomo kuwe, ube wena unjengo tixo kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yena uya kuba ngummeli wakho ebantwini, abe ngummeli wakho endaweni yomlomo, wena ube ngowakhe esikhundleni sikaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uya kuba ngumlomo wakho ebantwini, wena ke ube nguthixo kuye, athethe egameni lakho.