Exodus 4:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Usuke wahamba u‐Mosesi, wabuyela ku‐Yetero usomfazi wake, wati kuye: Makendihambe ke, ndibuye ndiye kubazalwana bam abase‐Jipete, ndize ndibone ukuba basahleli na. Waza wati u‐Yetero ku‐Mosesi: Hamba ke ngoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndibuyele kubazalwana bam eYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uMosis wagoduka waya kwaJetro uyise womkakhe, wafika wathi: “Ndikhulule ndiye eJiputa kumawethu, khon' ukuze ndive impilo yawo.” Wathi uJetro: “Hamba. Ndlela-ntle!”