Exodus 4:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Ekuhambeni kwako ukuya kubuyela e‐Jipete, lumka ke ukuba yonke imimangaliso endiyibekileyo esandleni sako uyenze ebusweni buka‐Faro; koko ndiya kugwenxisa intliziyo yake, ukuba akayi kubandulula abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uthe wabuyela eYiputa, qiniseka ukuba uyayenza yonke imiqondiso, endiyibeke esandleni sakho phambi koFaro; Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wamyaleza uMosis, wathi: “Wakufika eJiputa uzuyenze phambi kokumkani yonke imimangaliso endikunike amandla okuyenza. Kodwa ke ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo yakhe, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli.”