Exodus 4:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Tsipora watabata ilitye elibukali, wasika ijwabu lonyana wake, waliposa ezinyaweni zake, wati: Ngenyaniso ungumyeni wegazi wena kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwaluswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uTsipora wathabatha intshengece, wanqumla incam yelungu lobudoda lonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Uyindoda yamagazi kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
koko wesuka uZipora wathatha intshengeca yelitye lenyengane, wolusa unyana wakhe, waza ngokunjalo wachukumisa iinyawo zikaMosis, esithi: “Ngenene kum ungumyeni wegazi.” Wayesitsho exela ulwaluko. Ngoko ke uNdikhoyo wamyeka uMosis.