Exodus 4:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abantu bakolwa; abati bakuba bevile okokuba uyehova ukumbule usapo luka‐Sirayeli, nokuba ukangele ubunzima babo, bandula batoba ngapantsi babedesha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakholwa abantu, beva ukuba uYehova ubavelele oonyana bakaSirayeli wazibona iintsizi zabo, bathoba baqubuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakholwa abantu, beva ukuba uYehova ubavelele oonyana bakaSirayeli wakubona ukubandezeleka kwabo, bathoba baqubuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi ke abantu, bakuba bevile, bebonile nokubona, baneliseka, baqonda ukuba uthe kanti uNdikhoyo usivile isimbonono samaSirayeli, wayiqonda nembandezelo akuyo. Ngoko ke besuka bee guqaqa banqula.