Exodus 40:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo isibingelo sedini lokutshiswa wasibeka ngaselucangweni lwayo itabanakele yentente yentlangano; wanikela pezu kwaso idini lokutshiswa nomnikelo wokudla; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba wentente yokuhlangana; wanyusa kuso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango wentente yokuhlangana, wenyusa phezu kwaso idini elinyukayo nomnikelo wokudla; njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wemisa iqonga lamadini apho ngasesangweni. Belisenziwa apho ke idini elitshiswayo kunye nedini leenkozo ngokomlomo kaNdikhoyo.