Exodus 40:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ilifu likayehova libe lipezu kwetabanakele ngemini, nomlilo ubupezu kwayo ngobusuku, emehlweni ayo yonke indlu yo‐Sirayeli, kuzo zonke ihambo zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ilifu likaYehova laliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku phambi kwamehlo ayo yonke indlu kaSirayeli kulo lonke uhambo lwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesoloko elibona ilifu elalatha ubukho bukaNdikhoyo likhakhaba apho esibingelelweni xa kusemini, lisuke ke ebusuku lithi qhakra umlilo.