Exodus 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kubetwa amagosa osapo luka‐Sirayeli, lawo zibe ziwamisile pezu kwalo inkosi zomsebenzi zika‐Faro, kwatiwa: Kunganina ukuba ningafezanga umsebenzi eniwumiselweyo, ngokwenza izitene, kwa izolo nanamhla, njengexesha lapambili?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babethwa ke abaphathi boonyana bakaSirayeli, ababemiswe phezu kwabo ngabaqhubi-kalukhuni babantu bakaFaro, kusithiwa, Kungathuba lini na, ukuba ningagqibi ukwenza izitena enizimiselweyo izolo nanamhla, njengokwangaphambili?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babethwa abakhonzi boonyana bakaSirayeli, ababemise abalungiseleli bakaFaro phezu kwabo, kusithiwa, Ibiyini na ukuba ningawugqibi umsebenzi wenu wokwenza izitena izolo nanamhla, njengokwangaphambili?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amagosa angamaSirayeli awayemiselwe ziinduna ezingamaJiputa ayekatswa zizo, kusithiwa: “Kutheni izitena zingafikeleli nje kwinani lesiqhelo?”