Exodus 5:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ayiko inca enikelwa izicaka zako; kodwa izitene, kutiwa kuti, nizenze noko: kanjalo, bona ke, izicaka zako zibetwa, kanti ngabantu bako abonayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abakhonzi bakho aba abanikwa mququ; kuthiwa ke kuthi, Yenzani izitena. Yabona, abakhonzi bakho aba bayabethwa, kanti kona abantu bakho abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abakhonzi bakho abanikwa tyani, kodwa bathi kuthi, Yenzani izitena; nabo abakhonzi bakho bayabethwa; ke abantu bakho bona banetyala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Awusasiniki ingca yokwenza izitena, kodwa siyaqhutywa, kusithiwa masenze izitena. Ewe, siyabethwa, kanti isizathu sisebantwini bakho.”