Exodus 5:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza abona amagosa osapo luka‐Sirayeli ukuba asebubini, kusitwa nje: Aniyi kuncipisa nto eziteneni zenu zomsebenzi wenu wemihla ngemihla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babona abaphathi boonyana bakaSirayeli ukuba basebubini, kusithiwa nje, Aniyi kunciphisa nto eziteneni zenu, kwinto yemini ngangemini yayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zabona izikhulu zoonyana bakaSirayeli ukuba bakwimeko embi, kusithiwa nje, Ize ningancitshi nto eziteneni zenu, emsebenzini wemini yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amagosa lawo athe akuva kusithiwa inani lezitena soze lihle, aqonda ukuba lixubayele.