Exodus 5:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wabuyela kuyehova, wati: Nkosi! kunganina ukuba ubapete kakubi ababantu? kunganina lento unditumileyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuyela kuYehova uMoses, esithi, Nkosi yam, yini na ukuba ubaphathe kakubi aba bantu? Yini na le nto uthume mna?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses wabuyela kuYehova, wathi, Nkosi yam, yini na ukuba ubabuze kakubi aba bantu? undithume ntoni?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis ke waya kukhala *kuNdikhoyo, wathi: “Awu, Mhlekazi, ngani ukuba aba bantu ubazisele ishwangusha elinje? Wawundithumela ntoni kakade?