Exodus 5:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandul’ ukuti kubo ukumkani we‐Jipete: Kunganina, Mosesi no‐Arone! ukuba nenze abantu bayeke imisebenzi yabo? hambani niye emitwalweni yenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani waseYiputa kubo, Yini na, nina Moses noAron, ukuba nibakhulule abantu emisebenzini yabo? Yiyani emithwalweni yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani waseYiputa kubo, Yini na ukuba nina Moses noAron nibayeke abantu emsebenzini wabo? yizisani imithwalo yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wabaphendula ooMosis noAron wathi: “Kutheni ke ngoku nibaphazamisa nje aba bantu emsebenzini wabo? Buyelani emsebenzini!”