Exodus 6:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, naku‐Arone, wabayalezela elusatsheni uka‐Sirayeli, naku‐Faro ukumkani we‐Jipete, ukuba makupunyiswe usapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba babakhuphe oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngapha koko, uYehova wathetha kuMoses noAron waza wabayalela oonyana bakaSirayeli noFaro, ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naxa kunjalo uNdikhoyo wathetha nabo ooMosis noAron, wabathumela kumaSirayeli nakukumkani, esithi amaSirayeli makakhutshwe aphume eJiputa.