Exodus 6:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kunizisa kwelozwe, endandipakamisa isandla sam ukuba ndilinike ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi; lona ndolinika kuni libe lilifa: mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndiningenise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ndinise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kuninika lona, libe lilifa lenu: ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kunikhokela, ndinise kwilizwe endafungayo ukuba ndolinika uAbraham, uIsake, noYakobi. Ndiya kunipha lona, libe lelenu; kaloku mna ndinguNdikhoyo.’ ”