Exodus 7:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuti kuye: Uyehova, utixo wama‐Hebere, unditumile kuwe, esiti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze entlango; kodwa bona ke, akupulapulanga kwada kwakaloku nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, uYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bashiye abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona, akuvakali kwada kwangoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thethani naye nenjenje: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere wandithuma esithi: “Khulula abantu bam, baye kundinqula entlango!” Kambe ke awukayenzi loo nto unangoku.