Exodus 7:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Yiti ku‐Arone: Tabata intonga yako, usolule isandla sako pezu kwamanzi ase‐Jipete, pezu kwemilanjana yabo, pezu kwemijelo yabo, napezu kwamacibi abo, napezu kwazo zonke indawo zabo zokuhlanganisana kwamanzi, abe ligazi; kuze kubeko igazi kulo lonke ilizwe le‐Jipete, nakweyemiti nakweyamatye imipanda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemilambo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kwamadike abo onke amanzi abo, abe ligazi yaye kuya kubakho igazi kulo lonke ilizwe laseYiputa, empahleni yomthi nakwimpahla yamatye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athi kuAron: “Thatha induku yakho, uwalekuze ngayo amanzi aseJiputa, emilanjeni, ezintlanjeni, emachibini, nasemaquleni, atsho ajike abe ligazi. Koba ligazi ke kulo lonke elaseJiputa; nditsho nasezityeni zomthi nakwezamatye.”