Exodus 7:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nam ndiya kuyenza lukuni intliziyo ka‐Faro; ndandiya kwandisa imiqondiso yam nemimangaliso yam ezweni le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kuyenza lukhuni intliziyo kaFaro ndize ndiyandise imiqondiso nemimangaliso yam kwilizwe laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ndiya kumqaqadekisa ukumkani, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli noba sendiyiphinda-phinda kangakanani na imiqondiso nemimangaliso yam kwelaseJiputa.