Exodus 7:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Faro engayi kunipulapula, ndandiya kubeka isandla sam pezu kwe‐Jipete, ndikupe imikosi yam, abantu bam abalusapo luka‐Sirayeli, elizweni le‐Jipete, ngemigwebo emikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akayi kuniphulaphula uFaro, ngoko ndabeka isandla sam phezu kweYiputa ndaza ndawakhupha amacebo am nohlanga lwam loonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo.