Exodus 8:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati: Kube ngomso. Wayesiti: Makube njengelizwi lako, ukuze ukwazi okokuba akuko onjengaye uyehova, utixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Ngomso. Wathi ke, Makube ngokwelizwi lakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengoYehova uThixo wethu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke yena, Ngomso. Wathi, Ngokwelizwi lakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengoYehova uThixo wethu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke waphendula wathi: “Makaphele ngomso.” Wathi ke uMosis: “Kuya kuba njengokuba uthetha, khon' ukuze uqonde ukuba akakho onjengoNdikhoyo uThixo wethu.