Exodus 8:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Faro akubona ukuba kuko ixesha lokuti pefu, wayenza nzima intliziyo yake, engabapulapulanga, njengokuba ebetshilo uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke uFaro akuba nethuba lokuphefumla, wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona uFaro ukuba ulibele, wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabaphulaphula; njengoko watshoyo uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko wayetshilo uNdikhoyo, ukumkani uthe akubona ukuba kukho isiqabu, waqal' emva ukuqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron.